































ABASETYHINI ABASEBENZISA
ILEMON LITE BAYAQAVA ESIHLWELENI


ILEMON LITE VANISHING CREAM inelamuni
yokwenene ukuze ube nolusu olukhanyayo
nolunganyinyithekiyo!
ULUSU olumnyama lunyinyitheka
ngokwendalo. Luneoyile namadlala ombilo amaninzi enza ulusu lubukeke okolosana ithuba elide. Kodwa kuyingxaki ukwenza ulusu lwakho lugude lube nebala elingakhanyi kakhulu. Ukusoloko uzama ukuba unolusu
olomileyo akululungeli ulusu, kulubangela lwaluphale msinya. Isisombululo silula - yivanishing crearn esemgangathweni.
ILEMON LITE VANISHING CREAM iyilelwe ngokukodwa ulusu olumnyama. Esinye sezithako zayo yilamuni eyenza ulusu lufane konke nekwenza ube nolusu olungakhanyi kakhulu. lkwanesikhuseli lusu kwimitha egqatsileyo yelanga neyingozi, ithintela izibhaxu zamabala ezingabukekiyo nezibangelwa lilanga.

Dibana noRosemary Sankhani wakwaLemon Lite olinenekazi eliQava Phambi Kwesihlwele, unaurnDhathi wemveliso.


Zuza ama R50 000!
eziikhosi
uze uzithembe ukuze
UQAVE PHAMBI
KWESIHLWELE
INDLELA YOKUZUZA
Sixelele ukuthi yeyiphi ikhosi othanda ukuyenza Sixelele ukuthi leliphi ibanga olipasileyo. Zalisa ikhuphoni elingenelo. Sibhalele ileta usixelele isizathu sokuba uzibone ufanele uphumelele, yeyiphi ikhosi oza kuyikhetha, nokuthi uceba ukwenza ntoni wakuyipasa ikhosi. Thumela ingenelo lakho nefoto yakho evelisa intloko namagxa kunye nebhokisi yeLemon Lite okanye umbhalo wayo owuzobileyo.



UZA KUZUZA
Ama-25 emagqiyazana Aqava Phambi Kwesihlwele aza kuzuza ikhosi ekhethwe ngawo, kwaIntec College.
1-10 labagqwesileyo liya kuntingiselwa eRhawutini lize lihlale kwihotele yodumo, abagwebi baya kudlan'indlebe nalo baza kuvela kwiEduspectrum.
Ukuntinga ngenqwelo-moya, indawo yokuhlala, izithambiso, nesibhadlalala setheko sangokuhlwa kuya kuba kokwasimahla, kuhlawulelwe ngabakwalemon Lite, ivanishing Cream ...
 ebaqondayo abaseTyhini Abaqava Phambi Kwesihlwele.

1MITHETHO:
1. Nabani na unokulungenela olu khuphiswano ngaphandle kwabasebenzi namalungu eentsapho zawo bakwalemon Lite, Cream iya kukubangela 1
abakwaBona, abakwaIntec College neenkampani ezibhengeza
iimveliso zabo. 2. lkhuphoni nganye yengenelo mayiphelekwe yincwadi	ube nolusu olukhanyayo
echaza isifundo osikhethileyo, ifoto yakho ebonisa amagxa nentloko 
osandul ukuyifota. lngenelo olizailsileyo lithumele kunye nezi zinto. 3.	
Abafikelele kumanqam mabakulungele ukuya eRhawutini apho kuya	
kwenziwa isigqibo sokugqibela. 4. Amangenelo arejistiweyo akasayi kwamkelwa. 5. Umhla wokuvalwa kwamangenelo ngujulayi 31, 1995. 6. Amabhoso anjengokuba echaziwe, akanakutshlntshlswa ukuze uzuze imali. 7. Abaphumeleleyo kufuneka baqalise izifundo zabo ungekafiki umhla wama-31 kujulayi 1996. 8. AbakwaIntec College nabaququzeleli bolu khuphiswano abasayi kubekwa tyala ngendlela abangenele ukhuphiswano abazipasa ngayo izifundo zabo. 9. Abaphumeleleyo kufanele bazipase izifundo zabo.

Bukela iEduspektrum kWICCV ngooLwezithathu ngeye-14:3Opm
nakwiNNTvngemivulo ngeye-20:OOpm, ukuze ufumane amacebiso neendlela zokuphumelela emsebenzini







BONA XHOSA-JUNE 1995 103

IINKATHAZ O
ZOLUSU
EZIQHELEKILEYO


Olunye ulusu luneengxaki ezininzi kunolunye. Lufuna ukunonotshelwa okukhethekileyo ngokulucoca nokulufumisa luze kwezinye iimeko luthanjiswe ngecream eliyeza. Ungawacudisi amaqhankqa okanye amaqhakuva. Xa ulucoca sebenzisa icottonwool endaweni yelaphu. Ukuze uthintele le ngxaki ingasasazeki lucoce ngecottonwool netawuli eyodwa yobuso bakho.
Kukho ezinye iinkathazo zolusu eziqhelekileyo:
AMAQHANKQA - athanda ukuvela kulusu olunyinyithekayo. Iindawo ezithanda ukuhlaselwa, zizidlele, ibunzi nempumlo. Akwachaphazela isifuba, intamo, amagxa nomqolo, apho kufumaneka amadlala eoyile. Amaqhankqa akahlaseli nje ulutsha olufikisayo, anokubakho nasebantwini abadala -ingakumbi abasetyhini.
Zama kangangoko ukulugcina ulusu lwakho lucocekile lunganyinyitheki. Hlamba ngesepha efana nePalmolive Green Natural Skin Care Soap with Extra Cleansing, Glycerine and Herbs kabini ngemini, uzame nokuba ubuso bakho ubugqume bufumane unphunga okwisitya esinamanzi abilayo. Emva koko ubuso ubuhlambe ngamanzi abandayo ukuze kuvaleke iintunja.
Ungatyi ukutya okunamafutha amaninzi, sela amanzi amaninzi, ungazisebenzisi kakhulu izithambisa kuba zivala iintunja.
IINTUNJA EZIVULEKE KAKHULU - Le yingxaki ethanda ulusu olunyinyithekayo. Ibangelwa kukungahlambisisi, ukungahambi kakuhle kwegazi, nokungasebenzisi izikhanyisi-lusu ezifanele wena. Xa unolusu olunyinyithekayo hlamba ngesepha engebukhali njengePalmolive Green Nalural Skin Care Soap with Extra Cleansing, Glycerine and herbs ukulucocisisa ulusu lwakho.
Hlambisisa ngamanzi abandayo, thambisa iyeza elishwabanisa imithambo ukuze zivaleke iintunja. Kulusu olomileyo' hlamba ngesepha iPalmolive White Natural Skin Care Soap, inezithako ezondla ulusu. Hlamba ngamanzi abandayo, landelisa ngeyeza elishwabanisa imithambo, sebenzisa isifumisi-lusu. Soloko uliphethe iyeza elishwabanisa imithambo okunye isijiki-bala ukuze uhlaziye ulusu lwakho ebudeni bemini. Zama ukusebenzisa isikhuseli-lusu kwiintsholongwane kanye ngeveki ukuqinisa iintunja. INYEBETHU - Esi sisifo esibangelwa yintsholongwane. Le ntsholongwane ingena emzimbeni xa kukrazuke ulusu, ihlala kwiiseli zemithambo-iuvo kufutshane nalapho uye wosulelwa khona. Xa udiniwe okanye ucinezelekile, le ntsholongwane isasazeka kulusu, ijikeleze ikakhulu imilebe, ibangele amadyungudyungu.
Loo ndawo yigcine icocekile, yomile, usebenzisa icottonwool ecocekileyo, yidyobhe ngealcohol solution efumaneka ekhemisti. Xa ingapholi, yiya kugqirha.
IZIBHAXU ZAMABALA - Zibangelwa kukutshiswa

lilanga, okanye zibangelwe kukusebenzisa iipilisi zokuthintela ukukhawula. Zivela ziphinde zinyamalale, unokuzinceda kule ngxaki ngokungagcakameli ilanga, sebenzisa isikhuseli-langa esikwasisifumisi.
Ezi zibhaxu zamabala unokuzifihla ngokuthambisa kuqala isikhanyisi lusu kuloo ndawo, yenza ulusu lufane ngokuthambisa isikhanyisi-lusu esiqhelekileyo kubo bonke ubuso. Mcele ugqirha wakho atshintshe isithinteli-kukhawula osisebenzisayo ukuba singunobangela wezibhaxu zamabala.










BONA XHOSA-JUNE 1995 105



Umhlobo wam usanda kundibuza ukuba kutheni ndinobunono kangaka nje xa ndikhetha isithambisi mpahla. Xa ndimxelela isizathu uthe:  Sisi, azange ndicinge ukuba kubaluleke kangako ukukhetha isithambisi-mpahla esilungileyo., Kutheni ungabatyebiseli abahlobo bakho beBona. Ndiqondile ukuba ngumbono ophucukileyo lowo, yiyo ke le indlela..


KHETHA
ISITHAMBISI MPAHLA
ESISISO

ASIZIZO zonke izithambisi-mpahla ezikunika ukuqiniseka, udidi oluphambili, uqoqosho nevumba elimnandi elihlala ixesha elide. Lilonke kubalulekile ukukhetha imveliso eya kukunika ezona ziphumo ngemali yakho.

Usisebenzisela ntoni isithambisi-mpahla?
Ukuhlamba nokomisa kuyathanda ukuyiphithanisa imisiko yempahla kwaye oku kwenzeka ngamandla kumalweyile, kwimpahla yewulu nakwiitawuli - ziye zibambelele kakhulu. Kwakhona ziyaqina ngenxa yento yokuba okushiywe yisepha engumgubo obuhlamba ngayo kuthi nca empahleni.
Lilonke, imisiko kufuneka isonjululwe ekuphithaneni nokukushiywe yisepha kususwe -kwaye iSTA-SOFT Fabric Softener yenza kanye oko.

Ngaba imiyalelo icacile?
Yonke imiyalelo oyifunayo ibhalilwe kwibhotile nganye yeSTA-SOFT Fabric Softener. Kukho nemizobo ekulula ukuyilandela ekunceda usisebenzise ngendlela eyiyo isithambisi-mpahla sakho. Imilinganiselo ibhalwe ngononophelo ukuze impahla yakho ipulisiseke ngokulingana nemali yakho yaye ufumane iziphumo ezincumisayo.

Usisebenzisela ntoni iSta-soft?
ISTA-SOFT Fabric Softener silungiselelwe lonke udidi lwempahla - ukususela kwimpahla enochuku yosana kunye nempahla yangaphantsi ukuya kwiidenim, iiovaroli kunye nempahla yemidlalo. Iimpahla zishiyeka zithambe ngeyona ndlela, zinevumba elitsha
elimnandi.

Ndifanele ndisebenzise esiphi iStasoft?
ESIQHELEKILEYO: Iibhotile eziqhelekileyo eziyi-2 litre zeSta-soft zifumaneka ngamavumba amathathu amnandi -iSummerfresh, iSpringfresh neLavender. Impahla izishiya zithambile yaye zinevumba elimnandi.
SENSITIVE CARE: Xa ufuna isithambisi-mpahla esilungele ulusu lweentsana, sebenzisa iSTA-SOFT Sensitive Care.

ESIPHOKOZWAYO: ISTA-SOFT
esisepakethini esinokuphinda siphokozwe ebhotileni sesona sifunekayo kulondolozo-mali ekhaya kwaye wonga i-R2! ULTRA. Into esanda kuveliswa kwaSTA-SOFT siSTA-SOFT Ultra 4: 1 Concentrate. Inezinto ezininzi kakhulu kwaye ihlala kane kunale yangaphambili. Le ingama-500ml ihlala ixesha elilinganayo neleelitha ezimbini zebhotile eqhelekileyo. Lulondolozo olungungqa phambili.

ULTRA SATIN: Sebenzisa iSTA-SOFT Ultra Satin kwimpahla yangaphantsi nakwenochuku, ukwenzela into yokuba zishiyeke zinevumba elimnandi lesiqholo esibizayo sase Fransi.
Khumbula ke ukuba kwixesha elizayo xa uthenga isithambisi-mpahla ungathathi nje nokuba sesiphi - khetha iSTA-SOFT. HLALA UTHAMBILE okwesandla sikamama.
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha malunga neSTA-SOFT, bhalela kule dilesi: Box 3320, Parklands, 21 21.








BONA XHOSA-JUNE 1995 107

UNONOPHELO LOMLOMO
LWECOLGATE


NGABA UBUSAZI?
Izifo eziqhelekileyo kule mihla siphila kuyo kukubola kwamazinyo nesifo seeentsini, kwaye ingxaki kukuba zozibini ezizifo zenza kube nzima ukuba umzimba wakho ulwe ezinye izifo sinokusebenzisa eyona ndlela isempilweni ukucoca imilomo yethu asingezi fumani ezi ngxaki. Umzekelo, lo esiqhelekileyo nesihlasela amazinyo ethu yiplaque - kodwa nayo sinokuphumelela ukuyilwa.

YINTONI IPLAQUE?
IPlaque yinto encangathi eyenziwa ubukhulu becala ziibacteria ethi ikhule kumazinyo neentsini zethu. Kunzima ukuyibona kodwa umntu uye ayive into engathi buboya emazinyweni akhe xa ehambisa ulwimi emazinyweni akhe. Umzekelo le ntsholongwane isebenzisa iswekile ukwenza iasidi ize le asidi ihlale mphandle kwamazinyo ethu nowenziwe ngenamele. Nangona womelele umphandle wamazinyo ethu iye emva kwethuba ifune indawo ebuthathaka igqobhozele ngaphaya le namele iyokuhlala kumphakathi othambileyo wezinyo.
Kuqala apho ke ukuqaqamba kwezinyo, ufune unyango kunyanzeleke ba uye kugqirha wamazinyo - nto edla imali nekwabuhlungu kakhulu. Ukumana utyelela ugqirha wakho wamazinyo kwenza ukuba akwazi ukubona kuselithuba le ndawo ibuthathaka mhlawumbi ayithintele ukuba ingabisaqaqamba. Kusenokungenzeki konke oku kungentla ukuba ngaba uwahlamba kabini ngemini amazinyo akho (kusasa gokuhlwa) kwaye utya ukutya empilweni.
IColgate Maximum Cavity Protection Toothpaste ibineefluoride ezimbini necalcium ebezinceda zilungisa ezi ndawo zibuthathaka ngokubuyisela iimineral ebezilahlekile. Abantu bacinga ukuba iplaque ihlasela amazinyo kuphela kanti akunjalo. Iplaque ihlasela neentsini zakho. Ukuba ngaba awuyisusi rhoqo iplaque, intshongwane ihlala ezantsi kweentsini zakho ihlasele imisinga ebambe amazinyo akho aze athambe ube neentsini ezibomvu, ezidumbileyo nezophayo.
Kwakhona ukutyelela ugqirha wamazinyo kungayisombulula ingxaki  kodwa ke oku kunokubiza kakhulu ngasemalini!  Iya isanda le ngxaki xa ungayifumaneli unyango. Kungcono ukuyikhusela le ngxaki. Ukuxukuxa ngeyona brashi nentlama yamazinyo ezisemgangathweni kuyayinciphisa le ngxaki kuba iplaque ayandi. Xukuxa kabini ngemini ngeCOLGATE Original Taste Toothpaste. Olu hlobo lwentlama yamazinyo lunolona
Khuseleko  kwaye lunecalcium nefluoride eziwenza omelele ngakumbi amazinyo akho.
Le Colgate Great Original Taste Toothpaste ifumaneka kwityhubhana ezimelayo. Le thyubhana yonga indawo ikhusele ne ntlama ukuba ingachitheki. Le thyubhu nenama-100m  ayinakufane ilahleke, lilonke unokusoloko uyivalile emva kokuyisebenzisa uyigcine ikhuselekile. Kananjalo, lecolgates Great Original Taste Toothpaste inokusetyenziswa ngumntu wonke, yenze konwatyelwe ukuxukuxa. Ukusebenzisa ibrashi esemgangathweni kubalulekile lilonke umntu makangasebenzisi enye ibrashi ngaphandle kweebrashi zecolgates Diamond Head.
Indlela eyahlukileyo eyakhiwe ngayo Le Diamond Head yenza ukuba kube lula ukufikelela kwindawo ekunzima ukuzihlamba emazinyweni akho kwaye
iintloko zayo ezimbini ezingqukuva ziyisusa ngendlela engayiwo iplaque. Ezi ntloko aziyi kuwonakalisa amazinyo neentsini zakho kodwa ziyakuyisusa ngokungathandabuziyekiyo iplaque! Ezi brashi ze COLGATE Diamond Head zezabantwana, abasebatsha ukuya kwabadala - lilonke lonke ilingu losapho lungayifumana. Ixabiso lazo lisezantsi kakhulu.
Ukuba ngaba unemibuzo malunga nokunonophela amazinyo akho nge Colgates Great Original Taste ne Diamond Head Toothbrush, sibhalele kwa Box 3320, Parklands 2121.



100 BONAXHOSA June 1995

		BONA XHOSA - June 1995 101

		BONA XHOSA - June 1995 103

		BONA XHOSA - June 1995 103

		BONA XHOSA - Juue 1995 105

		BONA XHOSA - June 1995 107

